Latest / trufm Current Affairs

TRUNEWS @6 - President Cyril Ramaphosa has vowed to ensure that the new councillors after the LGE commit to serve the people #LGE26
Umongameli uCyril Ramaphosa uthembise ngelithi baza kuqinisekisa ukuba ooceba abatsha bayazibophelela ekukhonzeni uluntu, kwaye bayayiguqula indlela ababonwa ngayo oomasipala babo. URamaphosa ebethetha kwinkomfa yamajelo eendaba, emva kokubeka u-nx wakhe kwisikolo samabanga aphakamileyo iHyde Park, kumantla esixeko saseRhawutini namhlanje. Umongameli ubothulele umnqwazi abavoti abaye baphuma ngobuninzi babo ukuya kuvota noko kukho imingeni nje koomasipala babo. Umongameli uthi urhulumente uza kuqinisekisa ukuba ooceba abatsha basebenzela uluntu. UVuyolwethu Mabeqa usilungiselele le ngxelo…
The skinny
The skinny isn't ready yet — notes appear once the transcript is processed.